
IXESHA LIPHELILE. UYesu sele ezakubuya(ULuka 8:18), kwabanye ke abanaxesha ngoba ixesha lokubhubha kwethu asilazi (INtshumayeli 9:12) kokokuba umntu azinikele kuThixo ngoku asenako(UIsaya 55:6-9). Xa uzibiza ngokuba ungumKristu kukho indlela yokuziphatha eyahlukileyo kuneyabantu basezweni(KwabaseFiliphi 1:27). Masibone ukuba iBhayibhile ithini xa isinika umkhomba ndlela. Izulu alingenwa nguye wonke ubani(UMateyu 7:21), kukho imithetho nemiqathanga. Kwaye ukuba awuphili bomi bomKristu uSathana uzakwenzela inkawu ngenja apha ebomini bakho. Inye ke indlela yokweyisa kukuzinikela kuThixo(EkaYakobi 4:7)
IsiThyilelo 3:15-16 ‘Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba akubandi, akushushu; akwaba uyabanda, ungeshushu. Ngenxa enokuba ke udikidiki, ungabandi, ungeshushu, ndiza kukuhlanza uphume emlonyeni wam.’
Zinike ithuba ujonge ukuba ivesi nganye ebhaliweyo ukuba ithini 
