
Ikakhulu sibonakala sizinzise ulonwabo lwethu ezintweni ezisehlelayo. Lonto iyazizela indalo. Sonwaba kakhulu xa izinto zisihambela kakuhle: sinxunguphale mpela xa zingahambi kakuhle. Indlela esiziva ngayo ihleli nje ikhokelwa ngamahla ndinyuka obomi neemeko ezihlala zitshintsha. Lonto sinjalo kuzo zonke izigaba zobomi.
Umsebenzi Wobomi
Umba wokuba ulonwabo lwethu lusekelwe entwenini na ngumsebenzi wemihla ngemihla kwaye kobanjalo de silandulele eli okanye kubuye uYesu — Nokuba yeyiphi efike kuqala, sakuhlala kufuneka sikhethile mihla le — Sikhethe ukusekela ulonwabo lwethu kuYesu okanye ezintweni zelihlabathi. Leyo siyikhethayo iba yiyo egqibayo ukuba siziva njani lomini. Rhoqo kusasa uvuka unodabi omawulilwe phakathi kukamthyoli nelizwe nenyama — endaweni yokuvumela ubuntu obudala, iBhayibhile ebubiza “inyama” busitsalele kude kuYesu busisondezela ekuboneni izinto zehlabathi njengezona zibalulekileyo. Kuzo zonke izigaba zobomi, nokuba unangaphi ziyahlula zikho izinto ezikutsalela kude nolonwabo oluxhomekeke kuYesu ngoko ke kubalulekile ukuhlala uxhobile maxa onke.

“eyona ndlela ilungileyo yokuvikela iziyolo ozinikwe nguThixo ekubeni zibenguThixo wakho kukuba ukwazi ukubona ngapha kwazo, nokugqitha kuzo uye kumniki wazo iziyolo ezo, lowo uzama ukukubonisa nto ngaYe nendlela anokwanelisa ngayo.”
Iindlela Ezine Onokusekela ngazo Ulonwabo lwakho KuYesu
Nanga amacebo onokuthi uzixhobise ngawo koludabi, ukuze ukwazi ukuhlala wonwabile kuYesu (ongatshintshiyo)
- Yazi injongo kaThixo ngeengxaki odibana nazo ebomini
UThixo uyakhathala ngendlela esiziva ngayo (Lonke ixhala lenu liphoseni phezu kwakhe, ngokuba yena enikhathalele. – 1 kaPetros 5:7) ngoko ke uzinikele ekwakheni ebomini bethu uvuyo, ulonwabo oluxhomekeke kuye, nathi masizinikele ekulifumaneni. Enye yeendlela zakhe zokwenza oko kukusiyeka sigqithe ezintweni kwelihlabathi ukuze sifunde ukuba asinako ukufumana ulonwabo/uvuyo ebomini obungenazo iingxaki ngokuba zona zihlala zikhona. NeBhayibhile iyakugqina oko ngoko ke zifundise yona,
Umzekelo, KWABASEROMA 5:3-5 ‘Asikukuphela ke oko; sizingca nangeembandezelo ezi, sisazi ukuba imbandezelo isebenza unyamezelo; unyamezelo ke lusebenza ukucikideka; ukucikideka ke kusebenza ithemba; ithemba ke alidanisi, ngokuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele, esamnikwayo. ‘ Ngamanye amazwi, uvuyo lwethemba luyaqina xa ukholo lwethu lunyamezela ekubandezelekeni. Okanye KWABASEKORINTE II 1:8-9 uPawulosi uthi, ‘Kuba asithandi ukuba ning ayazi, bazalwana, imbandezelo yethu eyasihlelayo kwelaseAsiya: ukuba saxineka ngokuncamisileyo, ngaphezu kwamandla ethu, ngokokude sibuncame kanye nobomi. Sasuka ngokwethu saba nesigwebo sokufa ngaphakathi kwethu, ukuze singabi ngabasazithembayo, sithembele kuThixo lo ubavusayo abafileyo; ‘ Ngamanye amazwi, uvuyo lokuthEmbela
In other words, uvuyo lokukholosa ngokupheleleyo ngoYesu yinjongo kaThixo xa esikhokelela ekufeni. Ngoko ke, ingcebiso yokuqala: Funda le mfundiso yeBhayibhile ubomi bakho bonke. Izakukuncedisa kakhulu.
- Yakha umkhwa wokufumana uThixo kuyo yonke indawo.
Ayiqhelekanga kakhulu lonto. Masiyicingisise sobabini, thatha zonke izinto zelihlabathi ozinikwe nguThixo ezikuvisa kamnandi, ezingesiso isono, yenza indlela yokubona, unambithe, ungcamle uThixo buqu kwezo zinto. Ngamanye amagama, eyona ndlela ilungileyo yokuvikela iziyolo ozinikwe nguThixo ekubeni zibenguThixo wakho kukuba ukwazi ukubona ngapha kwazo, nokugqitha kuzo uye kumniki wazo iziyolo ezo, lowo uzama ukukubonisa nto ngaYe nendlela anokwanelisa ngayo.
Umzekelo, iBhayibhile ithi iLizwi likaThixo limnandi kunobusi (IINDUMISO 19:10). Kwaye ithi uYesu lukhanyiso lwehlabathi (UYOHANE 8:12). Kwaye iBhayibhile ithi ungamanzi okuphila (UYOHANE 4:10-14). Ngoko ke xa ungcamla nantoni na emnandi, okanye xa udlule ebumnyameni oboyikisayo usiya ekukhanyeni okuqaqambileyo, okanye xa ubukhamekile lunxano ufumane ikomityi yamanzi abanda kamnandi, kwezondawo kanye kufuneka uthi uYesu uyanambitheka kunencindi yobusi kwaye ufuna ndimngcamle kanye encindini yobusi. Yithi uYesu uqaqambile kunokukukhanya kuhle, kwaye ufuna ndimonwabele kokukukhanya kwakhe. Uthi uYesu uyandanelisa wogqitha nekomityi yamanzi ebandayo xa ndomile lunxano, kwaye ufuna ndaneliseke nguYe ukogqitha ukwaneliseka ngamanzi. Ngoko ke ziqhelise ukufumana uThixo kuyo yonke into ekwanelisayo kwelihlabathi lonto izakukuncedisa ukuze ungenzi iziyolo zibe nguThixo wakho. Ikugcine ungenyelisi ukulunga kukaThixo ngokwala izipho ezisuka kuye.
Zonke izipho zikaThixo ezilungileyo azenzelwanga ukuba zibe zizithixo koko zenzelwe ukusingcamlisa ubunjani balowo uzidalileyo kwaye zisibonise nto ngaye. Nantsi enye into enokukuncedisa: Kuba ndingumoni ongafanelwe nto ngaphandle komgwebo kaThixo, ngoko ke, yonke into entle eza kum njemngomntwana kaThixo ithengwe ngegazi likaYesu, lona elo ndingogwetyiweyo ngaphandle kwalo. Konke oku ndikumisela KWABASEROMA 8:32. Ngoko ke, konke okuhle akundikhombi kuphela kulowo ungumniki nto zonke, koko kundikhomba nasexabisweni elingenamda elahlawulwa nguYesu ukuze ndibenesipho kwakunye noMniki sipho. Oku kuyandinceda ukuze ndimthande ngalendlela kumele ndimthande ngayo. Ndiyathemba nawe kuyakukunceda.
- Ukufunda iBhayibhile kwenze kubeyinto yakho.
Xa ufunda iBhayibhile yakho imihla ngemihla yifunde ngenjongo. Musa ukucinga ngemigaqo onokuyilandela ebomini, migaqo leyo ibalulekileyo, kodwa mihla le, cinga ngento onokuthi uyifunde ngoeYesu, uNyana kaThixo, noThixo uYise, noThixo uMoya Oyingcwele — yintoni onokuyifunda ngabo njengabaphilayo. Ngamanye amazwi, iBhayibhile yifundele ukwazi uThixo nobume bakhe. Hlala ucinga: Ndiyamthanda lomntu. Ndiyamthanda lomntu. UThixo uyathandeka. UThixo womelele. UThixo unobulumko. UThixo unobubele. UThixo unomonde. UThixo ulilungisa. UThixo unenceba. Wothi ke xa unako ukuzibona ezimpawu kuThixo umthande ngenxa yazo. Khangela umntu kaThixo buqu abebubutyebi bakho. Ukufunda iBhayibhile kwenze kubengomntu (UThixo).
- Khumbula ukuba ukufa kwakho kuyeza.
Okokugqibela, nokuba iminyaka yakho ingakanani, hlala usazi ukuba usezakulandulela eli. Oko akumelanga kukoyikise, okanye kukunxunguphalise. Akumelanga kukwenza udakumbe. Wonke umntu uzakufa okanye uYesu abuye, kuxhomekeke ukuba yeyiphi ezakwehla kuqala emntwini ngamnye. Xa elolixa lifika, yonke into ngaphandle koYesu izakuphelelwa ngamandla okuthuthuzela. Zonke izinto esinazo, impumelelo yethu, inkangeleko yethu nokuhlakanipha, usapho nabahlobo, zonke ezizinto ziyakukusilela ekubeni sisiseko sovuyo nethemba ekufeni kwethu. Kodwa ukuba uyamazi uYesu ncakasana, imini yakho yokulishiya eli ayiyikuba yimini yakho yokushiya izinto oziqhelileyo kuphela, kodwa iyakuba yimini yokungena ebukhoneni balowo umkhathalele kunene.
Enkosi ngokuthatha ithuba ufunde ngesihloko sethu sanamhlanje. UThixo akusikelele, akwandisele! Uthando, uxolo nokukhanya kuwe nabo ubathandoyo!