IINDUMISO

Imfundiso yeNdumiso isekelwe kwimfundiso yoBonelelo lukaThixo. Incwadi yeeNdumiso yingqokelela yeengoma. Njengeengoma ezinzi, zazibhalwe ngababhali ababeqhutywa ziimeko abadlule kuzo. Kwathi emva koko zasetyenziswa luluntu ngamaxesha onqulo. Lathi xa ilizwe lakwaSirayeli lalibuya eBhabhiloni iingoma ezininzi zaqokelelelwa kwincwadi yeNdumiso.

Lencwadi ke yahlulwe yangamacandelo amahlanu aphawulwe ngamazwi athi, UDumo eNkosini(ukuvula incwadi nganye)…Amen Amen!(ukuvala incwadi nganye) “Ezincwadi” zintlanu zikhumbuza umfundi ngeencwadi ezintlanu zikaMosisi. (Eyokuqala, IINDUMISO 1-42; Eyesibini, IINDUMISO 43-72; Eyesithathu, IINDUMISO 73-89; Eyesine, IINDUMISO 90-106; Eyesihlanu, IINDUMISO 107-150)

Izishwankathelo zembali ezikwiiNdumiso zifundisa ngokutyebileyo. Indlela uThixo akhethe ngayo oosolusapho, ukutshutshiswa kwamaSirayeli eYiphutha, intsusa yabo, ukulingwa nguThixo, iimvukelo kwakunye neentlekele entlango, imbuyekezo eKanana, ukusilela nokuphenduka kwabo, zonke zisibonisa ulawulo lukaThixo olubonelelayo.

IINDUMISO 1:1

    Ivesi

Usikelelekile [uthamsanqelekile, unempumelelo, ukhethiwe nguThixo] umntu ongahambiyo ngeengcebiso zabangendawo [elandela ekhondweni labo] , ongemiyo [engenzi nto, evumela] endleleni yaboni, ongahlaliyo [aphumle okanye azole] esihlalweni sabenyelisi [abagxeki].

 

    Bhekisela

IMIZEKELISO 4:14-15

1 KWABASEKORINTE 15:33

KWABASE-EFESE 5:11

    Inkcazo

Usikelelekile – Iintsikelelo zezakhe, ezikaYEHOVA iintsikelelo azizinazo iintsizi. Uvuyo olungenako ukuchazwa lolwakhe, ulonwabo olungenasiphelo lolwakhe. Lilo ke elo ilifa lomntu …ongahambiyo ngeengcebiso zabangendawo

Scroll to Top